Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 20:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi kuYoshuwa:

2. “Thetha namaSirayeli, uthi ndithi makalathe izixeko zokuphephela endandixelele uMosis ngazo.

3. Zoba ziindawo ekubalekela kuzo abantu abathe babulala omnye ngengozi okanye ngempazamo. Yoba ziindawo zokuzimela kwimpindezelo yezizalwana zaloo mntu ubuleweyo.

4. Umntu oye kuzimela kwezo zixeko kufuneka anike inkcazelo ngesenzo sakhe enkundleni kumadoda amakhulu esangweni leso sixeko. Ngawo aya kumamkela amnike indawo yokuhlala phakathi kwawo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 20