Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 17:10-17 Ibhayibhile (XHO96)

10. Isizwe sakwaEfrayim sasingasezantsi, esakwaManase sona singasentla, ulwandle lungasentshona. UAshere wayemi ngasentla koManase, uIsakare emi ngasempuma.

11. Ngaphakathi kwemida yakwaIsakare nakwa-Ashere iBhete-shan kunye neIbleyam, neelali ezizingqongileyo, yayizezakwaManase, kwakunye neDore engaselwandle, ne-Endore, iTanaki, iMegido, kwaneelali ezizijikelezileyo.

12. Isizwe sakwaManase kambe asizanga sibe nako ukubagxotha abemi bezo zixeko, kuba amaKanana ayezimisele ukuhlala khona.

13. Naxa amaSirayeli selenamandla, akabanga nako ukuzithimba ezo zixeko zamaKanana, kambe awanyanzela ukuba abe zizicaka.

14. Bathi kuYoshuwa abazukulwana bakaJosefu: “Ngani ukuba usinike isiqwenga sibe sinye somhlaba, ukanti sibaninzi kangaka ngenxa yokuthamsanqeliswa kunene *nguNdikhoyo?”

15. Wathi uYoshuwa: “Ukuba nibaninzi kangangokuba neleentaba lakwaEfrayim lingananeli, yiyani emahlathini, nifike nigece nizivulele umhlaba kwelamaPerezi namaRafa.”

16. Baphendula bathi: “Eliya leentaba aliphangalele kangangokuba lingasanela, kanti ke phaya ezintilini amaKanana aneenqwelo zentsimbi, la ahlala eBhete-shan nalawa ahlala kule ntili yeYizereli xa ewonke.”

17. Wathi uYoshuwa kubo: “Ngenene, ndlu kaJosefu, nina zinto zikaEfrayim nani zinto zikaManase, nibaninzi, yaye ninamandla. Niza kusongezwa isabelo senu.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 17