Wawusihla loo mda ubheke ezantsi ngakwintlambo iKana. Izixeko ezingezantsi kwaloo ntlambo yayizezakwaEfrayim, nakuba zazikummandla wakwaManase nje. Umda wakwaManase wawucanda ngakwicala elingasentla kwaloo ntlambo, uye kuma ngolwandle.