Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 14:12-15 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ngoku ke ndabele eliya leentaba ndalithenjiswa nguNdikhoyo mhla ndenza ingxelo. Nawe ngokwakho weva ngaloo mini ukuba olwaa hlanga lweengxilimbela kuthiwa ngama-Anaki ayehlala apho ezixekweni ezikhulu ezingqingwe ngeendonga. Ukuba uNdikhoyo ungakum ndozichitha kanye njengoko yena watshoyo.”

13. UYoshuwa wamsikelela uKalebhi unyana kaJefune, wamabela iHebron yaba lilifa lakhe.

14. Unanamhla oku iHebron iseyeyenzala kaKalebhi unyana kaJefune umKenazi, kuba yena wamthobela ngomxhelo wonke uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

15. Ngaphambili iHebron kwakusithiwa sisixeko sika-Arbha. (UArbha ngoyena mAnaki mkhulu.)Kwabakho uxolo elizweni.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 14