Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 13:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mhlenikweni uYoshuwa wayeselaluphele kakhulu, *uNdikhoyo wathi kuye: “Sewumdala kakhulu ngoku, Yoshuwa, ukanti umhlaba ekusafuneka uthinjwe usemkhulu.

2-3. Yiyo le imimandla esaseleyo:ummandla wamaFilistiya (akumkani zawo zihlala eGaza naseAshdode, eAshkelon, eGati, nase-Ekron);ummandla wamaGeshure (ekudla ngokuthiwa ngowamaKanana, usuka ngakwintlambo iShihore ngakwimida yeJiputa, kuse emantla kwimida yase-Ekron);ummandla wama-Avi;

4. ummandla wamaKanana ongasezantsi kwakunye neMeyara (engumhlaba wamaSidon), kuse eAfeka ngakwimida yama-Amori;

5. elamaGebhali kunye neLebhanon iphela ukubheka ngasentshona ukususela eBhali-gadi esemzantsi wentaba iHermon, kuse kuloo nkalo yeHamati;

6-7. wonke ummandla wamaSidon ahlala kweleentaba phakathi kweentaba zaseLebhanon neMisefoti-mayim.“Bonke abemi balapho ndobakhupha apho ukufika kwamaSirayeli. Loo mhlaba uzuwabele amaSirayeli kanye ngalaa ndlela bendikuxelele yona, ube lilifa lezizwe ezilithoba kunye nesiqingatha sakwaManase.”

8. Isizwe sakwaRubhen nesakwaGadi kwakunye nesinye isiqingatha sakwaManase zona zaziseziwabelwe umhlaba wazo nguMosis isicaka *sikaNdikhoyo. Loo mhlaba wawungasempumalanga kweJordan.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 13