Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 10:13-22 Ibhayibhile (XHO96)

13. Lema bhunxe ilanga,nenyanga nayo ayahamba,kwada kwaba aloyisile utshaba amaSirayeli.”Oku kwenzeka njengoko kuxeliwe kwiNcwadi kaYashare. Ilanga lema bhunxe embindini wesibhakabhaka, alakhawuleza ukutshona isithuba esingangemini iphela.

14. Akuzange kubekho umhla onjalo ngaphambili. Nangasemva koko awuzange ubekho konke umhla awathi uNdikhoyo waliphulaphula ilizwi lomntu. Wawalwela ke khona uNdikhoyo amaSirayeli!

15. Emva kwedabi uYoshuwa nomkhosi wakhe babuyela esikhululweni eGiligali.

16. Ookumkani bama-Amori baphuncula bobahlanu, baya kuzimela emqolombeni eMakeda.

17. Babhaqwa, waza waxelelwa apho bakhoyo uYoshuwa.

18. Wathi: “Qengqelani amatye amakhulu, nivale ngawo umlomo womqolomba, nize nishiye amadoda okulinda.

19. Ke nina ze ningahlali apho, koko lusukeleni utshaba, ningaluvumeli lubalekele ezixekweni zalo. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wenu selebanikele ezandleni zenu.”

20. Umkhosi kaYoshuwa waluswantsulisa utshaba, kambe abambalwa babaleka bade baya kungena ezixekweni ezinqatyisiweyo zakomawabo, basinda.

21. Abuya onke amadoda omkhosi kaYoshuwa, ehamba ngoxolo, aya esikhululweni esasiseMakeda, kungekho nto inokuwaphazamisa.

22. UYoshuwa wathi: “Wuvuleni umqolomba, nizizise kum zontlanu ezo kumkani.”

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 10