Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 10:12-26 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ngaloo mhla uNdikhoyo amaSirayeli wawoyisela ngawo ama-Amori uYoshuwa wabhekisa kuNdikhoyo phambi kwawo onke amaSirayeli, wathi:“ ‘Langa, yima phezu kweGibheyon.Wena nyanga, yima phezu kwentili iAyalon.’

13. Lema bhunxe ilanga,nenyanga nayo ayahamba,kwada kwaba aloyisile utshaba amaSirayeli.”Oku kwenzeka njengoko kuxeliwe kwiNcwadi kaYashare. Ilanga lema bhunxe embindini wesibhakabhaka, alakhawuleza ukutshona isithuba esingangemini iphela.

14. Akuzange kubekho umhla onjalo ngaphambili. Nangasemva koko awuzange ubekho konke umhla awathi uNdikhoyo waliphulaphula ilizwi lomntu. Wawalwela ke khona uNdikhoyo amaSirayeli!

15. Emva kwedabi uYoshuwa nomkhosi wakhe babuyela esikhululweni eGiligali.

16. Ookumkani bama-Amori baphuncula bobahlanu, baya kuzimela emqolombeni eMakeda.

17. Babhaqwa, waza waxelelwa apho bakhoyo uYoshuwa.

18. Wathi: “Qengqelani amatye amakhulu, nivale ngawo umlomo womqolomba, nize nishiye amadoda okulinda.

19. Ke nina ze ningahlali apho, koko lusukeleni utshaba, ningaluvumeli lubalekele ezixekweni zalo. Kaloku *uNdikhoyo uThixo wenu selebanikele ezandleni zenu.”

20. Umkhosi kaYoshuwa waluswantsulisa utshaba, kambe abambalwa babaleka bade baya kungena ezixekweni ezinqatyisiweyo zakomawabo, basinda.

21. Abuya onke amadoda omkhosi kaYoshuwa, ehamba ngoxolo, aya esikhululweni esasiseMakeda, kungekho nto inokuwaphazamisa.

22. UYoshuwa wathi: “Wuvuleni umqolomba, nizizise kum zontlanu ezo kumkani.”

23. Wavulwa ke umqolomba, zaza zasiwa kuYoshuwa iikumkani zaseJerusalem, eHebron, eYamuti, eLakishe, nase-Elon.

24. UYoshuwa wawabiza ke onke amadoda akwaSirayeli, wathi kubaphathi-mkhosi: “Yizani apha nizinyathele entanyeni ezi kumkani.” Benjenjalo,

25. wathi ke uYoshuwa: “Nize ningoyiki ninkwantye! Yomelelani nikhaliphe! Yiyo le into aza kuyenza uNdikhoyo kuzo zonke iintshaba zenu enilwa nazo.”

26. UYoshuwa wazixabela ke ezo zikumkani, wathi mazixhonywe emithini emihlanu. Zajinga apho ke kwada kwaba ngorhatya.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 10