1. UElihu uqhube wathi:
2. “Ucinga ukuba bubulungisa na obu?Kaloku uthi: ‘Ndiya kugwetyelwa nguThixo.’
3. Kanti ubhekisa kuThixo usithi:‘Khon' ukuba ndonile ke?Kundinceda ngani ukungoni?’
4. “Ke ngoku mna ndiza kukuphendula,wena ngokunjalo nabahlobo bakho.
5. Khawuqethuke ujonge amazulu,uwabone la mafu aphezu kwakho.
6. Noba uyona awumchukumisi nganto uThixo;ewe, awumenzi nto noba ungade uphinda-phinde!
7. Ukulungisa kwakho kumnceda ngantoni ke?Ewe, uThixo akazuzi nto esandleni sakho.
8. Ukona kwakho kuphazamisa kwa-abantu,nokulungisa kwakho kunceda kwabona.
9. “Abantu bayakhala ngenxa yobuninzi bengcinezelo;balangazelela ukukhululeka kwisandla sabanamandla.
10. Kodwa yinqaba ukubhenela kuThixo uMdali waboozisa ithemba xa sukuba lixubayele.
11. Nguye osinika ulwazi kunezilwanyana;yena usenza silumke kuneentaka.
12. Abantu noba sebekhala, uThixo akaphenduli,kuba abakhohlakeleyo bathiwe lwale likratshi.
13. Inene, uThixo akangeke awaphulaphule amampunge;uSomandla akawasi so tu.
14. Kunjalo maxa usithi akumboni uThixo,usithi umcimbi wakho uphambi kwakhe,usithi ulinde yena,
15. naxa uthi uThixo akacaphuki ohlwaye,usithi akasihoyi isono.