Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 22:1-20 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uElifazi umfo waseTeman uphendule wenjenje:

2. “Ngaba ukhona na umntu oluncedo kuThixo?Ngaba angazuza lutho na kwinkintsela yesilumko?

3. Uthi ngaba uSomandla unolutho aluzuzayo ukuba wena ulilungisa?Khona sekusithiwa awunabala, imnceda ntoni loo nto?

4. “Ngaba uThixo angakohlwaya na ngenxa yokuba umthobela,aze akumise enkundleni?

5. Akungebi ngokuba wone gqitha,nobugwenxa bakho bungenasiphelo?

6. Kaloku wena amawenu uwamisele isibambiso ngaphandle kwesizathu;ude uwohluthe nempahla yawo yokunxiba, asale eze.

7. Abadiniweyo benxaniwe awuluthobanga unxano lwabo,nabalambileyo ubavimbile ukutya.

8. Wena ubusisinhanha esinemihlaba;ubungummi obekekileyo.

9. Kanti awanelanga kukungancedi bahlolokazi,koko ude waxhaphaza wacinezela neenkedama ezi!

10. Ngoko ke ngoku ubhijelwe zizabatha;uminxwe naliphaphu.

11. Ngoku ukhulelwe bubumnyama, awuboni;ugutyungelwe naziimpuphuma.

12. “Andithi na kaloku uThixo yena uhlala emajukujukwini amazulu?Neenkwenkwezi ngokwazo kuloo malenga-lenga zikuwo yena uzivelele.

13. Ube ke wena usithi: ‘Wazi ntoni uThixo?Esithwe ziingqimba zamafu nje, angasigweba njani?’

14. Uthi: ‘Akaboni; uvalelwe ngamafu;kuphela uhamba-hamba phaya esibhakabhakeni.’

15. Ngaba usazimisele ukuhamba indlela yamandulo,ulandele ikhondo labantu abakhohlakeleyo?

16. Kaloku bona baxhwilwe kwangaphambi kwexesha labo;izikhukula zemka neziseko zabo.

17. Aba ngabo babesithi kuThixo: ‘Suka kuthi.Angasenza ntoni na uSomandla?’

18. Kambe ke ikwanguye ozalisa imizi yabo ngobuqhele-qhele.Phofu ke mna andihambisani neqhinga lezikhohlakali.

19. “Amalungisa ayakubona ukutshabalala kwezikhohlakali, asuke avuye;abamsulwa bahlekisa ngazo besithi:

20. ‘Inene, iintshaba zethu zitshatyalalisiwe,nobutyebi bazo budliwe ngumlilo.’

funda isahluko epheleleyo Uyobi 22