Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 22:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uElifazi umfo waseTeman uphendule wenjenje:

2. “Ngaba ukhona na umntu oluncedo kuThixo?Ngaba angazuza lutho na kwinkintsela yesilumko?

3. Uthi ngaba uSomandla unolutho aluzuzayo ukuba wena ulilungisa?Khona sekusithiwa awunabala, imnceda ntoni loo nto?

4. “Ngaba uThixo angakohlwaya na ngenxa yokuba umthobela,aze akumise enkundleni?

5. Akungebi ngokuba wone gqitha,nobugwenxa bakho bungenasiphelo?

6. Kaloku wena amawenu uwamisele isibambiso ngaphandle kwesizathu;ude uwohluthe nempahla yawo yokunxiba, asale eze.

7. Abadiniweyo benxaniwe awuluthobanga unxano lwabo,nabalambileyo ubavimbile ukutya.

8. Wena ubusisinhanha esinemihlaba;ubungummi obekekileyo.

9. Kanti awanelanga kukungancedi bahlolokazi,koko ude waxhaphaza wacinezela neenkedama ezi!

10. Ngoko ke ngoku ubhijelwe zizabatha;uminxwe naliphaphu.

11. Ngoku ukhulelwe bubumnyama, awuboni;ugutyungelwe naziimpuphuma.

12. “Andithi na kaloku uThixo yena uhlala emajukujukwini amazulu?Neenkwenkwezi ngokwazo kuloo malenga-lenga zikuwo yena uzivelele.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 22