Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 19:24-29 Ibhayibhile (XHO96)

24. Ngenene akwaba la mazwi ebekrolwe elityeni ngentsimbi ebukhali nangelothe,khon' ukuze ahlale ehleli nanini nanini!

25. Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini.

26. Nokuba ulusu lwam lungade ludlavulwe sesi sifo,noko uThixo yena ndiya kumbona ndidlavuke ndinjalo!

27. Ewe, ndiya kumbona ngala wam amehlo,indim, ingenguye wumbi.Loo nto ndiyilangazelela ngomxhelo wam wonke.

28. Ke nina nisuka nithi:‘Hayi ukungcungcutheka kwakhe!Yabe ingcambu yaloo nto ikuye ngenkqu.’

29. Kambe ke lilumkeleni ikrele elifunza kuni,ikrele lengqumbo kaThixo ngenxa yesono;liya kunenza niqonde ukuba ukhona umgwebi.”

funda isahluko epheleleyo Uyobi 19