Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 18:5-14 Ibhayibhile (XHO96)

5. “Hayi kaloku, isibane sesikhohlakali siza kucinywa,futhi ke nelangatye laso soze liphinde livuthe.

6. Ukukhanya kuya kujika kube bubumnyama endlwini yaso;ewe, isibane saso siya kucinywa.

7. Siza kuphelelwa kukunyantsula,sikhutyekiswe kwalelaso iqhinga.

8. Iinyawo zaso ziya kugaxeleka kwisabatha,size sigxalathelane siye kuthi gxwa emhadini.

9. Umgibe wosuka usithi hlasi ngesithende,usiqhoge usibambe ntshilikithi!

10. Kaloku sibekelwe isabatha emhlabeni,sacutshelwa unoxhaka endleleni yaso.

11. Lo mntu urhwaqeliswa zizoyikiso ngeenxa zonke;zimthe mbende zimpheka zimophula.

12. Inkxwaleko imlambele;uhlala ezingelwa sisithwakumbe.

13. Uthiwe mome sisifo esilenceza ulusu lwakhe;ewe, kanye izibulo lokufa limgrenya amalungu omzimba.

14. Woqwengelwa apho kwelo nqugwala liyinqaba yakhe,suka ukufa kumqweqwedisele kwikumkani yezoyikiso.

funda isahluko epheleleyo Uyobi 18