Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyobi 1:5-16 Ibhayibhile (XHO96)

5. Wakuba lo mbhiyozo ujikeleze kubo bonke uYobi wayedla ngokubabiza abantwana bakhe ukuze abahlambulule. Wayevuka kusasa kakhulu, abenzele amadini atshiswayo ngabanye ngabanye. Kaloku uYobi wayesithi: “Mhlawumbi kusenokwenzeka ukuba abantwana bam bonile bamtshabhisa uThixo ezintliziyweni zabo.” Wayesenjenjalo ke uYobi ngayo yonke imihla yakhe.

6. Ngamhla uthile izidwangube zakwaThixo zaya *kuNdikhoyo, noSathana ke ephakathi kwazo.

7. UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Uvela phi wena?”Ke yena uSathana waphendula uNdikhoyo wathi: “Ndivela ekubhaduleni, ndisihla ndinyuka, ndijikeleza ehlabathini.”

8. UNdikhoyo wathi kuSathana: “Usiqondile kodwa isicaka sam uYobi? Akakho onjengaye ehlabathini liphela. Yena ngumfo othembekileyo ongenabala, indoda emhlonelayo uThixo, eyicezelayo into embi.”

9. USathana wamphendula uNdikhoyo wathi: “Kungaba kungelize na ukuba uYobi afumane amoyike uThixo?

10. Kaloku wena umbiyele; usoloko umphahlile yena nendlu yakhe, nako konke anako. Uwuthamsanqele wonke umsebenzi wezandla zakhe, yaye nemfuyo yakhe iye isanda ngokwanda elizweni.

11. Nangoku ke khawolule isandla sakho uchukumise yonke le nto anayo; uya kubona, uya kukushwabulela nawe lo!”

12. UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, ungayenza into oyenzayo kwinto yonke anayo, kodwa uze ungakhe ulinge umchukumise yena siqu.”USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo.

13. Ngenye imini xa oonyana bakaYobi neentombi zakhe babebhiyoza besitya besela endlwini yenkulu yakhe,

14. kwafika isigidimi kuYobi, sathi: “Besilima ngeenkabi, zona iidonki zisitya kwalapho kufutshane;

15. kwaza kwagaleleka amaSabha, asihlasela, azithimba ezo nkomo needonki. Ke zona izicaka zakho azibulele ngekrele; kusinde mna ndedwa ukuze ndikwazise.”

16. Eso sicaka sathi sisathetha njalo kwafika esinye isigidimi, sathi: “Zonke iigusha zakho ngokunjalo nabelusi zibethwe ngumbane zafa; kusinde mna ndedwa ukuze ndikwazise.”

funda isahluko epheleleyo Uyobi 1