13. Ngenye imini xa oonyana bakaYobi neentombi zakhe babebhiyoza besitya besela endlwini yenkulu yakhe,
14. kwafika isigidimi kuYobi, sathi: “Besilima ngeenkabi, zona iidonki zisitya kwalapho kufutshane;
15. kwaza kwagaleleka amaSabha, asihlasela, azithimba ezo nkomo needonki. Ke zona izicaka zakho azibulele ngekrele; kusinde mna ndedwa ukuze ndikwazise.”
16. Eso sicaka sathi sisathetha njalo kwafika esinye isigidimi, sathi: “Zonke iigusha zakho ngokunjalo nabelusi zibethwe ngumbane zafa; kusinde mna ndedwa ukuze ndikwazise.”
17. Sisathetha njalo kwagaleleka esinye, safika sathi: “Sihlaselwe ngamaqela amathathu amaKaledi, afika azithimba iinkamela, abelusi ababulala ngekrele, yandim ndedwa osindayo ukuze ndikwazise.”
18. Eso sigidimi sathi sisachaza njalo, kwagaleleka esinye, safika sathi: “Oonyana neentombi zakho bebesendlwini yonyana wakho omkhulu, bebhiyoza, besitya, besela iwayini,
19. kwaza kwasuka kwavuthuza inkanyamba, ivela ngasentlango. Isuke yadlikidla amacala omane endlu leyo, yabawela abantwana abo, bafela apho bonke; ndim ndedwa osindileyo. Ewe, ndim kuphela osindileyo ukuze ndikubikele.”
20. Kwesi sithuba ke uYobi waphakama, wakrazula umnweba wakhe, wayigugula intloko yakhe, waza ke wee guqaqa wanqula,
21. wathi:“Ndazalwa nguma ndizé, ndaye ke ndiya kunduluka ndikwazé.NguNdikhoyo onikayo, ikwanguye nothathayo.Malidunyiswe igama likaNdikhoyo!”
22. Kuyo yonke le ntlekele uYobi zange one okanye akhalazele uThixo.