Testamente Endala

Testamente Entsha

Uobhadiya 1:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ikratshi elisentliziyweni yakho likukhohlisile.Wena uhlala ezimfanteni zamawa,wena ukhaya likweliphezulu,xa uzithethela uman' usithi:‘Ngubani oya kundithula andise emhlabeni?’

4. Noba ungade untinge njengokhozi,ewe, noba usezinkwenkwezini umzi wakho,nalapho mna ndiya kukuthoba.”Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.

5. “Xa ufikelwe ngamasela,ewe, nokuba zizihange ebusuku,aya kûba kangangoko anako,akushiyele kodwa.Nabavuni beediliya bavuna bagqibe,kushiyeke umkhwahlazo.Kodwa eyakho intshabalalo iya kugqithisa.

6. Kaloku, wena Esawu, uya kugqogqwa uphengululwe,konke okwakho okunexabiso kuthinjwe.

7. Oogxa bakho bokududulela emideni.Izihlobo zokukhohlisa utsho woyisakale.Abo ubusidla kunye nabo bokugcayisela,kodwa sobe uyiqonde loo nto.”

8. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Mhla ndamohlwaya uEdomndozitshabalalisa izilumko zakhe,kungabikho mntu uqiqayo kwezo ntaba zakwaEsawu.

9. Ke wona amadoda omkhosi waseTeman osuka arhwaqele;bonke abakwiintaba zakwaEsawu baya kunqunyulwa babulawe.

funda isahluko epheleleyo Uobhadiya 1