Testamente Endala

Testamente Entsha

Uobhadiya 1:14-20 Ibhayibhile (XHO96)

14. Akwaba ubungemanga eziphambukeniukuze unqakule iimbacu zabo.Amasalela ngewungawanikelanga elutshabenimhla kwakugos' okwaphukayo.”

15. “Ewe, kuzo zonke izizwe imini *kaNdikhoyo isondele.Loo nto uyenzileyo, wena Edom, iya kubuya yenziwe nakuwe;isikhuni siya kubuya nomkhwezeli.

16. Njengoko nina nayisezwayo ibhekile yesohlwayo entabeni yam engcwele,ngokunjalo nezinye izizwe ziya kuyisezwa,phofu ziyisele zingayeki.Ewe, ziya kusela zibimbilize,zide zibe ngathi zange zabakho.”

17. “Ke kwintaba iZiyon kuya kubakho abasindileyo;yona yobuya ibe yindawo engcwele.Indlu kaYakobi iya kulixhamla ilifa layo,libe sezandleni zayo.

18. Indlu kaYakobi iya kuba ngumlilo,indlu kaJosefu ibe lidangatye.Ke yona ekaEsawu ibe ngumququ,bayintumeke umlilo itshe iphele.Akusayi kubakho masalela kule ndlu kaEsawu mpela-mpela.”Etshilonje *uNdikhoyo, utshilo.

19. “Ke zona iintaba zakwaEsawu zomiwa ngabantu belasezantsi;ke bona abakumazantsi eentaba beme kumhlaba wamaFilistiya.Bowuthatha umhlaba kaEfrayim nowaseSamariya,abakwaBhenjamin beme eGiliyadi.

20. Iimbacu zamaSirayeli ziya kuyithimba iKanana ziye kutsho eZarefa,iimbacu zaseJerusalem eziseSefaradi zithimbe iidolophu zelasezantsi.

funda isahluko epheleleyo Uobhadiya 1