Lonke ke elo gqiza lalibuye ekuthinjweni lazakhela amaphempe, laza lahlala kuwo. Ke ukusukela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNune kude kube lelo thuba amaSirayeli la ayengazange alibhiyozele ngale ndlela eli theko. Ewe, ayonwabe ngovuyo olukhulu.