Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 8:14-18 Ibhayibhile (XHO96)

14. Apho kuloo mthetho wayalelwa nguNdikhoyo ngoMosis bafumanisa kubhaliwe kwathiwa amaSirayeli makahlale kumaphempe ngethuba letheko lenyanga yesixhenxe,

15. kananjalo balishumayele ilizwi elo linwenwele kuzo zonke iidolophu naseJerusalem, besithi: “Phumani niye kweleentaba, nibuye namahlamvu omnquma, nalowo wasendle, awemetile, nawesundu, naweminye imithi, ukuze ngawo kwenziwe amaphempe njengoko kubhaliweyo.”

16. Baphuma ke abantu, baza babuya namahlamvu emithi, bazakhela ngawo amaphempe kumaphahla abo, kwiinkundla zemizi yabo, nakwiinkundla zendlu kaThixo, ngokunjalo nasebaleni elingakwiSango laManzi nelingakwiSango likaEfrayim.

17. Lonke ke elo gqiza lalibuye ekuthinjweni lazakhela amaphempe, laza lahlala kuwo. Ke ukusukela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNune kude kube lelo thuba amaSirayeli la ayengazange alibhiyozele ngale ndlela eli theko. Ewe, ayonwabe ngovuyo olukhulu.

18. Ukuqalela kwimini yokuqala mihla le uEzra wayefunda incwadi yomthetho kaThixo. Elo theko ke balibhiyozela iintsuku ezisixhenxe, baza ke ngosuku lwesibhozo bahlangana belibandla ngokommiselo womthetho.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 8