Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 3:23-32 Ibhayibhile (XHO96)

23. Ngaphaya kwabo kwakulungisa uBhenjamin noHashubhi phambi kwendlu yabo, belandelwa nguAzariya unyana kaMaseya, ka-Ananiya, elungisa ngasendlwini yakhe.

24. Ngakuye yayinguBhinuwi unyana kaHenadadi elungisa enye indawo esukela kwindlu ka-Azariya ukuya edolweni nakuyo ikona.

25. UPalali unyana kaUzayi wayesebenza malunga nedolo nenqaba evelele amantla ebhotwe kufuphi nenkundla yabalindi. Kufuphi naye yayinguPedaya unyana kaParoshe

26. kunye nezicaka zendlu kaThixo ezazihlala kwinduli iOfeli, zalungisa zaya kuma ngakwiSango laManzi ngasempuma nakwinqaba eveleleyo.

27. Ngakubo yayingamadoda aseTekowa elungisa enye indawo ukusukela ngakuloo nqaba iveleleyo ukuya kudonga lweOfeli.

28. Phezu kweSango lamaHashe ababingeleli babelungisa elowo phambi kwendlu yakhe.

29. Balandelwa nguZadoki unyana kaImere esebenza malunga nendlu yakhe. Ngakuye yayinguShemaya unyana kaShekaniya, umlindi wesango elisempuma, naye evusa udonga.

30. Wayelandelwa nguHananiya unyana kaShelemiya noHanun unyana wesithandathu kaZalafi belungisa enye indawo. Ngakubo yayinguMeshulam unyana kaBherekiya esakha malunga nendawo awayehlala kuyo,

31. kufuphi naye inguMalkija, enye yeengcibi zegolide. Yena walungisa wee xhaxhe ngendlu yezicaka zikaThixo neyabarhwebi, malunga neSango labaHloli, wema ngegumbi eliphezu kwekona.

32. Phakathi kwegumbi eliphezu kwekona neSango leeGusha kwakulungisa iingcibi zegolide nabarhwebi.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 3