Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 10:27-39 Ibhayibhile (XHO96)

27. uMaluki noHarim noBhana.

28. Xa bebonke ke abantu, ababingeleli, abaLevi, abalindi-masango, iimvumi, izicaka zendlu kaThixo, nabo bonke abazahluleyo kwiintlanga ezingabamelwana, loo nto beyenza ngenxa yomthetho kaThixo, bekunye nabafazi babo nabo bonke oonyana neentombi zabo, abo sebeqabuke ingqondo,

29. bonke ke aba ngoku bazibandakanya namawabo azizikhulu, bazibophelela ngeshwangusha kunye nesifungo sokuthobela umthetho kaThixo awawukhupha ngesicaka sakhe uMosis, imiyalelo, imiqathango, nemimiselo yeNkosi yethu *uNdikhoyo.

30. Babhambathisa besithi: “Soze iintombi zethu sizendisele kwiintlanga esimelene nazo; noonyana bethu soze bazithathe iintombi zeentlanga.

31. “Izizwe esimelene nazo xa zishishina zisithengisela nantoni na, noba yingqolowa, *ngoMhla wokuPhumla, asisoze sithenge nto kuzo ngoMhla wokuPhumla nangaluphi na usuku olungcwele. Njalo ngonyaka wesixhenxe asiyi kuwulima umhlaba; kananjalo siya kuwatshitshisa onke amatyala.

32. “Kunyaka ngamnye sizibophelela ngesifungo sokuthobela umyalelo wokuba sinikele ngesiliva eziigram ezintlanu ukuxhasa umsebenzi wendlu kaThixo.

33. Sonikela ukuze sibe khona isonka esihlala sihleli etafileni, umnikelo ohlala uhleli weenkozo, namadini atshiswayo, amadini oMhla wokuPhumla, amatheko okuthwasa kwenyanga, namatheko amisiweyo, iminikelo eyodwa, amadini esono okungxengxezela uSirayeli, kwenziwe yonke imisebenzi yendlu kaThixo wethu.

34. “Thina babingeleli nabaLevi noluntu luphela, siwenzile amaqashiso okumisela indlu nganye ithuba layo kunyaka ngamnye lokuzisa umrhumo weenkuni zomlilo weqonga likaNdikhoyo uThixo wethu njengoko kubhaliwe emthethweni.

35. “Kunyaka ngamnye siya kuluzisa ulibo lwemveliso yamasimi ndawonye nesiqhamo somthi ngamnye endlwini kaNdikhoyo.

36. “Kwanjengokuba kubhaliwe emthethweni amazibulo ezindlu zethu, aweenkomo zethu, awemfuyo enkulu nemfutshane, xa ewonke siya kuwazisa endlwini kaThixo wethu, kubabingeleli abasebenza kuyo.

37. “Ngaphezu koko siya kugalela koovimba bendlu kaThixo wethu, sinikezele kubabingeleli umgubo wolibo lwengqolowa, iminikelo yeenkozo, kunye neziqhamo zayo yonke imithi esinayo, kananjalo newayini entsha namafutha omnquma. Kananjalo sonikela ngesishumi semveliso yethu kubaLevi; kaloku ngabaLevi abaqokelela izishumi kuzo zonke iidolophu esisebenza kuzo.

38. Umbingeleli womlibo ka-Aron wobapheleka abaLevi xa besamkela izishumi. Ke bona abaLevi bokhupha isishumi sezo zishumi basise endlwini kaThixo wethu, sifakwe engxoweni koovimba.

39. AmaSirayeli ndawonye nabaLevi bokhupha umnikelo wokutya okuziinkozo nowolibo lwewayini namafutha omnquma, bawuse koovimba apho zigcinwa khona izinto zeNdawo eNgcwele, apho bahlala khona ababingeleli abalungiselelayo, abalindi-masango, kunye neemvumi.“Soze siyilahle indlu kaThixo wethu.”

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 10