Testamente Endala

Testamente Entsha

Uncuthu Lwengoma 6:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Amazinyo amhlophe qhwa,ngathi ziigusha zivela kuhlanjwa.Onke asenamaqabane awo;akukho lingumth' uzimele.

7. Izidlele ngaphaya kwesigqubuthelongathi ngamacala erharnati.

8. Amakhosikazi ngamashumi amathandathu,amaqadi ngamashumi asibhozo,ngokunjalo nentaphane yeentombi,

9. ke mna andiziva ngehobe lam,yena cikizwa wam onguye qwaba!Nguyedwazana kanina,yena ngumathandwa walowo umzeleyo.Zonk' iintombi ziyamdumisa zakumbona;unconywa ngamakhosikazi namaqadi.

10. Ngubani lo uthi gqi ngathi ngumso,omkhitha ngathi yinyanga,oqaqambe ngathi lilanga,ondili ngathi ziinkwenkwezi zingumngcelele?

11. Ndihle nday' emyezweni wemithi yeenati,ndaya kubuka izityalo entilini.Ndiye kukhangela ukuba imidiliya iyadubula na,nokuba ngaba imirharnati iyatyayamba na.

12. Ndithe ndingaqondi ndazibhaqasengathi ndilitshawe lamatshawe,ndiphethe iinqwelo zokulwa zabantu bakowethu.

13. Buya, buya, mShulemikazi!Buya, buya, ukuze sikubone!Nobona ntoni na kakade kumShulemikazilo gama angqungqayo phakathi kwemikhosi?

funda isahluko epheleleyo Uncuthu Lwengoma 6