Testamente Endala

Testamente Entsha

Uncuthu Lwengoma 5:3-16 Ibhayibhile (XHO96)

3. Awu, sendikhulule nje!Uthi mandinxibe kwakhona?Sendizihlambile neenyawo.Uthi mandizingcolise kwakhona?

4. Isithandwa sam solula isandla kwikroba lokuvula,yatsho yabetha intliziyo yam ngenxa yaso.

5. Ndavuka ndisiya kuvulela isithandwa sam,izandla zam zivuza isiqholo semore,neminwe imanzi kwasiso.Ndasichukumisa ndinjalo isitshixo,

6. ndasivulela isithandwa sam.Kodwa phi kwaphi, sasimkile nje!Benditsho ndasilangazelela sakuthetha,ndaba ngathalaza andasibona,ndaba ngamemeza, tu impendulo!

7. Ndade ndabhaqwa ngabalindikwimijikelo yabo esixekweni.Hayi ke, bandibetha bandenzakalisa.Nâbo besimka nengubo yamabo bagada iindonga zesixeko.

8. Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisa:Apho nisibone khona isithandwa samze nisixelele ukuba ndiyafa luthando!

9. Nzwakazi yeenzwakazi,sibhetele ngani esakho isithandwa?Ngaba siyabedlula na abanye,le nto ude usifungise ngolu hlobo?

10. Isithandwa sam yinzwana ekomelela;songama nakwishumi lamawaka.

11. Intloko yaso yeyona golide,iinwele sisihlwitha esimfaneleko,zimnyama ngathi lihlungulu.

12. Yintw' emehlo ngathi lihobexa lisemithonjeni yamanzi.Ngathi ahlanjwe ngobisi,ahonjiswa okwamatye exabiso.

13. Izidlele ngathi ngumhlatyana wezityaloovelisa iziqholo ezivumba limyoli.Imilebe ngathi yinyibiba,yona ivuza isiqholo semore.

14. Yintw' engalo ngathi ziintonga zegolideeziqhoqhonywe ngamatye exabiso.Umzimba ugude njengebamba lendlovu,uqhoqhonywe ngamatye esafire.

15. Yintw' emilenze ngathi ziintsika zemabhuleezimiliselwe kwizikhondo zeyona golide.Yingwanyalala ngathi ziintaba zeLebhanonnaloo misedare ingayiwayo.

16. Hay' ukuyola komlomo wakhe;ngenene isithandwa sam sinomtsalane.Sinjalo ke esam isithandwa,zintombi zaseJerusalem!

funda isahluko epheleleyo Uncuthu Lwengoma 5