Testamente Endala

Testamente Entsha

Umika 6:7-16 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ngaba uNdikhoyo wokholiswa na ngamawaka-waka eenkunzi zeegusha,nangawo amawaka alishumi emilambo yamafutha omnquma?Ubugwenxa bam ndingabungxengxezela na ngezibulo lam,isono sam ngesiqhamo somzimba wam?

8. Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.

9. UNdikhoyo ubhekisa ilizwi lakhe esixekweni.Bubulumko ukuthobela igama lakhe.Yigqaleni intonga yakhe nalowo wayimiselayo.

10. “Soze ndibulibale, ndlundini yenkohlakalo,ubutyebi obuzuze ngobuqhophololo.Ziqalekisiwe izilinganiso zakho zobuqhetseba.

11. Andimxoleli umntu osikali sinexanasi,osebenzisa amatye okuveyisha anenkohliso.

12. Izinhanha zakho zizibhoja,kanti abantu bakho bayaxoka,batsho ngolwimi olukhohlisayo.

13. Ngoko ke ndiqalile ukukutshabalalisa;ndokutshitshisa ngenxa yezono zakho.

14. Uya kuba ngatya, unganeliseki;isisu sakho sosala sithe nca.Uya kuba ngabeka, kungagcinakali nto;oovimba bakho bochithwa yimfazwe.

15. Uya kuba ngalima, tu isivuno.Uya kuwukhama wona umnqumakodwa ungaze ube nawo amafutha.Uya kuyixovula yona idiliya,kodwa soze usele wayini.

16. Kaloku ulandele imikhuba kaOmri,uhamba ngezenzo zendlu ka-Ahabhi.Ewe, uthene nca nezithethe zabo.Ngoko ke ndosuka ndikutshabalalise,abantu bakho bona babe yintlekisa.Uya kukuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.”

funda isahluko epheleleyo Umika 6