Testamente Endala

Testamente Entsha

Umika 3:4-12 Ibhayibhile (XHO96)

4. Boba ngakhala ke *kuNdikhoyo asuke yena angabaphenduli.Ngelo xesha yena uya kubafulathela ngenxa yobubi ababenzileyo.

5. Ngokusingisele *kubashumayeli abalahlekisa abantu bakowethu,abalilisela ngoxolo kwabo babanika ukutya,ukanti kwabo bangabanikiyo sele bequlele imfazwe,utsho uNdikhoyo ukuthi:

6. “Ngoko ke ubusuku buya kunigubungela, ningabi namibono;kuya kuba mnyama, ningabi satyhilelwa nto.Abashumayeli botshonelwa lilanga,nemini isuke ixubayele.

7. Iimboni ke zona ziya kuhlazeka,oosiyazi baphoxeke.Baya kuba zizishwayimbana, babufihle ubuso,kuba bengaphendulwa nguThixo.”

8. Ke mna okokwam ndomelele;uMoya kaNdikhoyo uyandongamela,undithe jize ngobulungisa namandla,ukuze ndixelele uYakobi ubugwenxa bakhe,uSirayeli ndimbonise isono sakhe.

9. Yivani, zinkokheli zendlu kaYakobi,nani balawuli bendlu kaSirayeli,nina babuthiyileyo ubulungisa,nina bagqwethi bolungelelwano.

10. IZiyon niyakha ngobutyadidi begazi;iJerusalem niyiseka ngenkohlakalo.

11. Iinkokheli zayo zisebenza ngenxa yokunyotywa;ababingeleli basebenzela inzuzo,nabashumayeli benza izityhilelo khon' ukuze bazuze imali,kodwa bayame ngoNdikhoyo besithi:“UNdikhoyo ukho phakathi kwethu.Ngekhe sihlelwe bububi mpela.”

12. Ngoko ke, ngenxa yenu, iZiyon yolinywa njengentsimi,iJerusalem yona ibe ngamabhodlo;ke yona intaba yendlu kaThixo ibe ngummango wamahlathi.

funda isahluko epheleleyo Umika 3