kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7

Testamente Endala

Testamente Entsha

Umika 3 Ibhayibhile (XHO96)

Kugxekwa iinkokheli zakwaSirayeli

1. Suka ke mna ndathi:“Phulaphulani, zinkokheli zakwaYakobi,nani balawuli bendlu kaSirayeli.Beningafanele na ukubuqonda ubulungisa?

2. Kambe ke, nibuthiyil' ubulungisa, nithand' ububi.Abantu bam nibahlubulula ulusu,nibabhunyule inyama emathanjeni.

3. Ewe, abantu bam nibadla ngathi bayinyama,nibahlube ulusu lwabo,amathambo abo niwakroboze,nibanqunqe oku kwenyama elungele imbiza,ngathi yinyama eza kuphekwa ngongxawu.”

4. Boba ngakhala ke *kuNdikhoyo asuke yena angabaphenduli.Ngelo xesha yena uya kubafulathela ngenxa yobubi ababenzileyo.

5. Ngokusingisele *kubashumayeli abalahlekisa abantu bakowethu,abalilisela ngoxolo kwabo babanika ukutya,ukanti kwabo bangabanikiyo sele bequlele imfazwe,utsho uNdikhoyo ukuthi:

6. “Ngoko ke ubusuku buya kunigubungela, ningabi namibono;kuya kuba mnyama, ningabi satyhilelwa nto.Abashumayeli botshonelwa lilanga,nemini isuke ixubayele.

7. Iimboni ke zona ziya kuhlazeka,oosiyazi baphoxeke.Baya kuba zizishwayimbana, babufihle ubuso,kuba bengaphendulwa nguThixo.”

8. Ke mna okokwam ndomelele;uMoya kaNdikhoyo uyandongamela,undithe jize ngobulungisa namandla,ukuze ndixelele uYakobi ubugwenxa bakhe,uSirayeli ndimbonise isono sakhe.

9. Yivani, zinkokheli zendlu kaYakobi,nani balawuli bendlu kaSirayeli,nina babuthiyileyo ubulungisa,nina bagqwethi bolungelelwano.

10. IZiyon niyakha ngobutyadidi begazi;iJerusalem niyiseka ngenkohlakalo.

11. Iinkokheli zayo zisebenza ngenxa yokunyotywa;ababingeleli basebenzela inzuzo,nabashumayeli benza izityhilelo khon' ukuze bazuze imali,kodwa bayame ngoNdikhoyo besithi:“UNdikhoyo ukho phakathi kwethu.Ngekhe sihlelwe bububi mpela.”

12. Ngoko ke, ngenxa yenu, iZiyon yolinywa njengentsimi,iJerusalem yona ibe ngamabhodlo;ke yona intaba yendlu kaThixo ibe ngummango wamahlathi.