kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4

Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujona 3 Ibhayibhile (XHO96)

UJona uya eNiniva

1. Liphinde lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuJona, lisithi:

2. “Hamba uye kweso sixekokazi siyiNiniva, ufike ushumayele olu daba ndikunike lona.”

3. Ke uJona walithobela ilizwi likaNdikhoyo, waya eNiniva. INiniva le ibisisixeko esikhulu gqitha. Bekumthatha umntu iintsuku ezintathu ukuphumela kuyo.

4. Ke kaloku uJona waluqala uhambo lwakhe kweso sixeko. Akuba ehambe imini yonke wadanduluka wathi: “Yoba ziintsuku ezimashumi mane kuphela, itshatyalaliswe iNiniva.”

5. Abo bantu baseNiniva balwamkela olo daba lukaThixo. Ngoko ke bamisela inzila, baza bonke abantu, kuqalela komdala kuye komncinane, bavatha ezenzila.

6. Akuyiva le nto ukumkani wakhona waphuma ebhotwe, umnweba wakhe wawuthi tya phaya, wanxiba ezenzila, wahlala eluthuthwini.

7. Waza ke wakhupha isaziso esithi: “Nasi isaziso esigunyaziswe ngukumkani namaphakathi: Makuzilwe, kungabikho mntu okanye silwanyana ongcamla nantoni na, nditsho iinkomo nempahla emfutshane. Ewe, makungatyiwa nto, kungàselwa namanzi.

8. Abantu nemfuyo mabavathe ezenzila. Bonke mabakhale kuThixo ngamandla, bahlukane neendlela zabo ezimbi nogonyamelo lwabo.

9. Mhlawumbi uThixo angayijika ingqondo yakhe, abuye nganeno ngengqumbo yakhe, size ke thina singatshabalali.”

10. Ke kaloku uThixo wasibona isenzo sabo nokwahlukana kwabo neendlela zabo ezimbi. Ngoko ke uThixo wayijika ingqondo yakhe, akabi sabatshabalalisa njengoko wayezimisele.