Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 9:7-18 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Ngenxa yale nto abantu bam ndiza kubahluza,ndibavavanye.Akukho ndlela yimbi ngenxa yesono sabo.

8. Lutolo oluhlabaniselayo ulwimi lwabo;luthetha inkohliso.Bayamqhatha ummelwane ngeentetho zabo,ukanti ezintliziyweni zabo bamcuphile.

9. Mandingabohlwayi ke ngenxa yale nto?Mandingaziphindezeli kubantu abanje?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

10. Mna ndiza kugixa,ndililele iintaba, ndizile,kuba amadlelo atshile,akusekho bani uhamba kuwo,akusanxakami nankomo.Iintaka zibalekile,neenyamakazi zimkile.

11. “IJerusalem ndiza kuyitsho ibe ngamabhodlonesikhundla soodyakalashe,ndizitshabalalise iidolophu zakwaJuda,kungahlali bani khona.”Utsho uNdikhoyo.

12. Sisiphi na isilumko esinokuyiqonda le nto? Ngubani oyixelelweyo nguNdikhoyo onokuyichazela abanye? Kungani ukuba lo mhlaba utshatyalaliswe, ube ngumqwebedu wentlango engenakuhanjwa bani?

13. UNdikhoyo uthi: “Bawutyeshele umyalelo wam endabanika wona, àbalithobela ilizwi lam ukuze bahambe ngalo,

14. koko basuka bona balandela iintliziyo zabo ezinenkani, balandela iindlela zooBhali abazifunda kooyise.”

15. Ke ngoko utsho uSomandla-onke uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: “Aba bantu ndiza kubanika ukutya okunedliso, ndibaseze amanzi anetyhefu.

16. Ndiza kubathi saa phakathi kweentlanga abangazaziyo, ezingaziwayo nangooyise, ndibasukele ngekrele ndide ndibatshabalalise.”

17. Utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:“Qiqani!Memani abafazi bokuzila,nditsho awona amacikokazi,bahlabele iingoma zesililo.

18. Mabakhawulezise batsho ngesililo,side sintywizise iinyembezi,de amehlo ethu aphalale zizo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 9