Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 9:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akwaba intloko yam ibiliqula lamanzi,namehlo am engumthombo weenyembezi,bendiya kukhala imini nobusuku, ndililele amawethu abuleweyo.

2. Akwaba bekukho indawo entlango yokulalisa abahambi,ngendiwashiya amawethu, ndimke,bengabakreqi nje, imbutho yabangathembekanga.

3. “Iilwimi zabo zitsawula ubuxoki okwesaphetha.Ilizwe longanyelwe bubumenemene;ayikho intembeko.Basuka bongeze ububi phezu kobubi.Kodwa mna abandazi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

4. “Balumkele kwa-abahlobo,ungathembi nkqu nomntakwenu lo,kuba bonke abantakwenu ngamamenemene,abahlobo bayahleba xa bebonke.

5. Ewe, abahlobo bayakhohlisana;akukho uthetha inyaniso.Baziqhelisa ukuthetha ubuxoki,bawaqobe amandla abo ngokona.

6. Inene, umi phakathi kwabantu abakhohlisayo;ngenkohliso yabo abavumi ukundazi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

7. Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Ngenxa yale nto abantu bam ndiza kubahluza,ndibavavanye.Akukho ndlela yimbi ngenxa yesono sabo.

8. Lutolo oluhlabaniselayo ulwimi lwabo;luthetha inkohliso.Bayamqhatha ummelwane ngeentetho zabo,ukanti ezintliziyweni zabo bamcuphile.

9. Mandingabohlwayi ke ngenxa yale nto?Mandingaziphindezeli kubantu abanje?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

10. Mna ndiza kugixa,ndililele iintaba, ndizile,kuba amadlelo atshile,akusekho bani uhamba kuwo,akusanxakami nankomo.Iintaka zibalekile,neenyamakazi zimkile.

11. “IJerusalem ndiza kuyitsho ibe ngamabhodlonesikhundla soodyakalashe,ndizitshabalalise iidolophu zakwaJuda,kungahlali bani khona.”Utsho uNdikhoyo.

12. Sisiphi na isilumko esinokuyiqonda le nto? Ngubani oyixelelweyo nguNdikhoyo onokuyichazela abanye? Kungani ukuba lo mhlaba utshatyalaliswe, ube ngumqwebedu wentlango engenakuhanjwa bani?

13. UNdikhoyo uthi: “Bawutyeshele umyalelo wam endabanika wona, àbalithobela ilizwi lam ukuze bahambe ngalo,

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 9