Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 51:57-64 Ibhayibhile (XHO96)

57. Ndiya kuzinxilisa iziphathamandla nezilumko zayo,kwakunye neerhuluneli namagosa namagorha ayo.Baya kulala ubuthongo, bangavuki ngonaphakade.”Lowo ngumlomo weKumkani egama linguNdikhoyo uSomandla-onke.

58. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Luya kudilizwa ngokupheleleyo udonga lweBhabhelinangona lubanzi lunjalo.Amasango ayo aphakamileyo aya kutshiswa ngomlilo.Izizwe zifumane zabulaleka;imigudu yeentlanga ziinkuni zomlilo.”

59. Nali ilizwi *umshumayeli uJeremiya awamwisela umthetho ngalo uSeraya, uNyana keNeriya, unyana kaMaseya, xa wayesiya eBhabheli kunye noZedekiya ukumkani wakwaJuda ngonyaka wesine wolawulo lwakhe. USeraya lo wayengumphathiswa wokulungiselela iindawo zokuphumla abahambi.

60. UJeremiya wabubhala encwadini enye bonke ububi obuya kuyifikela iBhabheli (konke okusekubhaliwe malunga neBhabheli)

61. waza wathi kuSeraya: “Wakufika eBhabheli nakanjani na uze uwafunde ngokuvakalayo onke la mazwi.

62. Uze uthi: ‘Ndikhoyo, uthethile ngale ndawo, usithi uza kuyitshabalalisa, ingabi samiwa mntu, kungabi sabakho namfuyo kuyo, koko ibe ngamanxuwa ngonaphakade.’

63. “Xa ugqibile ukuyifunda le ncwadi, uzubophelele ilitye kuyo, uyiphose esazulwini somlambo iEfrati,

64. uthi: ‘Iya kwenjenje iBhabheli ukutshona, ingaphinde iphume, ngenxa yobubi mna Ndikhoyo endiya kuyihlisela bona. Abemi bayo bafumene babulaleka ilize.’ ”Aphela apha amazwi kaJeremiya.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 51