Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 51:25-41 Ibhayibhile (XHO96)

25. “Uyabona, ndikuchasile, ntabandini yokonakalisa,wena olonakalisileyo lonke ihlabathi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Ndiya kolula isandla sam phezu kwakho,ndikuqengqe uhle emaweni,ndikwenze intaba etshisiweyo.

26. Akukho litye lokwakha ikona eliya kuthathwa kuwe,kungekho litye lasiseko liya kucholwa kuwe,kuba uya kuba yinkangala ngonaphakade.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

27. “Phakamisani ibhanile elizweni!Vuthelani ixilongo ezintlangeni,nizigonyele ukulwa neBhabheli.Zihlabeleni umkhosi, zize izikumkani zeArarati, neMini, neAshkenazi.Yalathani injengele yokuhlasela,nithume amahashe ngathi ziinkumbi ezinyakazelayo.

28. Zigonyeleni ukulwa neBhabheli iintlanga,nditsho ookumkani bamaMedi,neerhuluneli zabo, kunye nawo onke amaphakathi azo,kwakunye nezizwe zonke ezilawulwa zizo.

29. Ihlabathi liyanyikima, liyazibhija-bhija,kuba uNdikhoyo uyaziphumelelisa izigqibo zakhe azigqibe ngeBhabheli.Ilizwe laseBhabheli ulenza libe yinkangala,lingabi samiwa bani.

30. Amagorha aseBhabheli ayekile ukulwa;akasaphumi ezinqabeni.Ubugorha bawo buphelile;basuke baba njengabafazi.Izindlu zazeBhabheli zintunyekwe umlilo;yaphukile imivalo yamasango ayo.

31. Isigidimi sandulela isigidimi,umbiki alandele umbiki,bonke bebikela ukumkani waseBhabheli ukuba isixeko sakhe sonke sithinjiwe,

32. besithi amazibuko avingciwe,iingcongolo ezingasesizibeni somlambo zantunyekwa umlilo,asuka amajoni ankwantya luloyiko.”

33. Utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi:“Intombi eyiBhabheli injengebala lokubhulelangexesha lokugangathwa kwalo;ngexesha elingephi wofika umhla wokuba kuvunelwe kulo.”

34. “Usidlile uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli;usimfimfithe wasishiya sisisitya esize.Usiginye njengengwenya,izimuncu-muncu zethu wazenza ukutya kwakhe,waza wasenza into yokuxukuxa.

35. Ugonyamelo esiluve emizimbeni yethumalubuyekezwe kwiBhabheli,”batsho abemi beZiyon.“Igazi lethu malibizwe kubemi belamaKaledi,”itsho iJerusalem.

36. Ke ngoko utsho uNdikhoyo ukuthi:“Uyabona, ndiya kukugwebela, ndikuphindezele.Ndiya kulwenza lutshe ulwandle lweBhabheli,utsho wome umthombo wayo.

37. IBhabheli iya kuba linxuwa,ibe sisikhundla soodyakalashe,nento esisothuso nesigculelo,indawo engamiwa bani.

38. Abantu bayo xa bebonke bagquma njengeengonyama,babharhula njengamathole eengonyamakazi.

39. Xa bavuka umnyele ndobenzela umgidi,ndibanxilise, badlamke,balale ubuthongo,bangavuki ngonaphakade.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

40. “Ndiya kubasa ekuxhelweni njengamatakane,njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.

41. “Hayi ukuthinjwa kweSheshaki!Ibhongo lehlabathi lonke libanjiwe.Hayi ukwenziwa isothuso kweBhabheli phakathi kweentlanga!

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 51