Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 51:10-20 Ibhayibhile (XHO96)

10. UNdikhoyo usigwebele, wabubhengeza ubulungisa bethu.Yizani siyibalise eZiyon imisebenzi kaNdikhoyo uThixo wethu.’

11. “Ziloleni iintolo;qulani amakhaka!UNdikhoyo uxhokonkxe ookumkani bamaMedi,kuba unenjongo yokuba iBhabheli itshatyalaliswe.Yimpindezelo kaNdikhoyo leyo,impindezelo ngenxa yendlu yakhe.

12. Ziphakamiseleni ibhanile iindonga zeBhabheli,nongeze abalindi.Bathumeni balinde,nilungise nabalaleli.UNdikhoyo uza kuyiphumelelisa injongo yakhe,akwenze oko akuthethileyo ngabemi baseBhabheli.

13. Wena ohleli ngasemanzini amaninzi,wena obuncwane bungako,sifikile isiphelo sakho,ligalelekile ixesha lokuba usikwe.

14. UNdikhoyo onamandla onke ufungile, ezifunga ngokwakhe,wathi: ‘Ndokutsho uzale ngabantu ngathi ziinkumbi.Iya kuba yimihelele bevuya ngenxa yokoyiswa kwakho.’

15. “Ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe;ngulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe,waza walitwabulula izulu ngokwengqiqo yakhe.

16. Akuvakalisa ilizwi lakhe amanzi ayazongoma ezulwini,kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba.Uthumela umbane kunye nemvula,athulule umoya koovimba bakhe.

17. “Bonke ziziyatha ezingenalwazi;ingcibi yegolide iyahlazeka ngenxa yemifanekiso eyiqingqileyo.Imifanekiso yayo eyityhidileyo bubuxoki –kaloku ayinawo umphefumlo.

18. Ingamampunge – izizinto zokugxekwa;ngemini yomgwebo iya kutshabalala.

19. Akanjengabo yena uSahlulelo sikaYakobi –kaloku yena nguMbumbi weento zonke,kwanowesizwe ke esililifa lakhe.NguNdikhoyo uSomandla-onke igama lakhe.

20. “Nguwe, Bhabheli, ibhunguza lam;usisikrweqe sam sokulwa.Ndiya kuzihlekeza ngawe iintlanga,ndizonakalise ngawe izikumkani.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 51