Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 38:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. “Usezandleni zenu; mna kumkani andinakuphikisana nani,” waphendula ngelitshoyo ukumkani uZedekiya.

6. Bamthatha ke uJeremiya, baya kumfaka emhadini owawusenkundleni yabalindi kwaMalekiya unyana kakumkani. Bamthoba ngentambo ukumsa ezantsi kuloo mhadi owawungenamanzi, iludaka lodwa. Watshona kwelo daka ke uJeremiya.

7. Zaya kufika kwigosa lasebhotwe uEbhedi-meleki, owayengumKushe, ezo ndaba zokuba uJeremiya weyehliselwe emhadini. Kwathi ukumkani esahleli ngakwiSango lakwaBhenjamin,

8. uEbhedi-meleki waya apho kuye evela ebhotwe, wafika wathi:

9. “Noko, mhlekazi, imbi yonke le nto yenziwe ngala madoda kumshumayeli uJeremiya, ukweyelisela umntu emhadini apho aya kulamba afele khona xa kungasekho kutya esixekweni.”

10. Ukumkani wathi kumKushe uEbhedi-meleki: “Thatha amashumi amathathu amadoda, uye kunyula umshumayeli uJeremiya kuloo mhadi, engekafeli apho.”

11. Wanduluka ke naloo madoda uEbhedi-meleki, waya nawo kwigumbi elalisebhotwe ngaphantsi kwendlu enguvimba wasebhotwe. Wathatha amadlavu apho, wawathobela emhadini kuJeremiya, ebotshwe ngentambo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 38