Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 37:16-21 Ibhayibhile (XHO96)

16. Wavalelwa uJeremiya esiseleni esinamagunjana, apho wahlala khona ithuba elide.

17. Emva koko ukumkani uZedekiya wathi makasiwe kuye ebhotwe, apho wambuza khona ngasese esithi: “Ngaba unalizwi livela kuNdikhoyo?”Waphendula wathi uJeremiya: “Ewe, ndinalo. Wena uza kunikezelwa esandleni sokumkani waseBhabheli.”

18. Uqokele wathi uJeremiya, ebhekisa kukumkani uZedekiya: “Ndone ngantoni na kuwe, okanye kumaphakathi nakubantu bakho, sendibona ndifakwe entolongweni nje?

19. Baphi ngoku abo bashumayeli benu babesithi: ‘Ukumkani waseBhabheli akayi kunihlasela nina neli lizwe’?

20. Ndinesicelo, mhlekazi omhle! Ndicela ukuba ndingabuye ndisiwe kulaa ndlu kanobhala uJonatan, hleze ndifele khona!”

21. Wayalela ke ukumkani uZedekiya ukuba uJeremiya makagcinwe enkundleni yabalindi, anikwe iqhekeza lesonka kude kuphele ukutya esixekweni. Kwaba njalo ke ukuhlala kukaJeremiya kwinkundla yabalindi.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 37