Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 36:5-16 Ibhayibhile (XHO96)

5. UJeremiya waxelela uBharuki wathi: “Ndithintelwe; andinakuya endlwini kaNdikhoyo.

6. Ke mayibe nguwe oyayo endlwini kaNdikhoyo ngomhla wenzila, ufike ufundele abantu amazwi kaNdikhoyo lawo uwabhale ubizelwa ndim. Fundela bonke abantu bakwaJuda abafika bevela kwiidolophu ngeedolophu.

7. Mhlawumbi ukubongoza kwaba bantu kungavakala kuNdikhoyo, baguquke nakwimikhwa yabo emibi, kuba ubasongele enengqumbo nomsindo omkhulu aba bantu uNdikhoyo.”

8. UBharuki unyana kaNeriya wenze njengoko wayalelwa ngumshumayeli uJeremiya, wabafundela abantu apho endlwini kaNdikhoyo loo mazwi ayebhalwe kuloo ncwadi.

9. Ngenyanga yethoba, kunyaka wesihlanu uJoyakim engukumkani wakwaJuda, kwabhengezwa umhla wenzila kubo bonke abantu baseJerusalem kwanâbo babevela kwiidolophu zakwaJuda. Injongo yayiyeyokuba bazisole phambi koNdikhoyo.

10. UBharuki esendlwini kaNdikhoyo, emi egumbini likaGemariya unyana kanobhala uShafan elalikwiyadi engentla kwiSango eLitsha lendlu kaNdikhoyo, wabafundela encwadini abantu amazwi kaJeremiya.

11. Wasuka uMikaya, ozalwa nguGemariya unyana kaShafan, akuba ewavile amazwi *kaNdikhoyo asencwadini,

12. waya kwigumbi likanobhala ebhotwe apho kwakuhleli khona ezi ziphathamandla: unobhala uElishama, uDelaya unyana kaShemaya, noElinatan unyana ka-Akebhore, kunye noGemariya unyana kaShafan, noZedekiya unyana kaHananiya, nezinye iindwalutho zonke.

13. Akuba uMikaya ebaxelele konke akuve kufundelwa abantu nguBharuki encwadini,

14. ezo ziphathamandla zathuma uYehudi, unyana kaNetaniya ozalwa nguShelemiya unyana kaKushi, ukuba axelele uBharuki athi: “Yiza apha naloo ncwadi uyifundela abantu!” Waya kubo ke uBharuki unyana kaNeriya, eyiphethe loo ncwadi.

15. Bathi kuye: “Khawuhlale phantsi usifundele.”Wahlala phantsi ke, wabafundela.

16. Akuba loo madoda ewavile onke loo mazwi, othuka, aza abhekisa kuBharuki athi: “Ngenene, la mazwi makaxelwe kukumkani.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 36