Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 36:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngonyaka wesine uJoyakim unyana kaYosiya engukumkani wakwaJuda lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya

2. lisithi: “Thatha incwadi esongwayo, ubhale onke amazwi endawathethayo kuwe ngokubhekiselele kuSirayeli noJuda kunye nezinye iintlanga, ukususela mhla ndaqala ukuthetha nawe kusalawula uYosiya, kude kuze kuthi gaa ngoku.

3. Mhlawumbi bangaguquka kule mikhwa mibi yabo abantu bakwaJuda xa besiva ngentlekele endizimisele ukubazisela yona, nam ke ndibaxolele izikreqo nezono zabo.”

4. UJeremiya wabiza uBharuki unyana kaNeriya, wambizela onke amazwi kaNdikhoyo awathethe kuye, yena uBharuki wawabhala encwadini apho.

5. UJeremiya waxelela uBharuki wathi: “Ndithintelwe; andinakuya endlwini kaNdikhoyo.

6. Ke mayibe nguwe oyayo endlwini kaNdikhoyo ngomhla wenzila, ufike ufundele abantu amazwi kaNdikhoyo lawo uwabhale ubizelwa ndim. Fundela bonke abantu bakwaJuda abafika bevela kwiidolophu ngeedolophu.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 36