Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 35:8-14 Ibhayibhile (XHO96)

8. Siwuthobele ke wonke umyalelo kabawo omkhulu uYonadabhi unyana kaRekabhi. Thina, nabafazi bethu, noonyana neentombi zethu, asizanga sayisela iwayini ebomini,

9. singazanga sakha zindlu zakuhlala, salima masimi nazidiliya.

10. Sasoloko sihlala ezintenteni ngokuthobela umyalelo esawunikwa ngubawo-mkhulu uYonadabhi.

11. Kuthe ke xa ukumkani uNabhukadenezare ehlasela eli lizwe, thina sathi: ‘Masiye kungena eJerusalem, sisabe imikhosi yamaKaledi nama-Aram.’ Yiyo loo nto sisahleli apha eJerusalem.”

12. Libuye lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

13. “Utsho uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: Yiya kubantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem uthi: ‘UNdikhoyo uthi: Yini na ukuba ningavumi ukuqeqeshwa niwathobele amazwi am? Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

14. UYonadabhi unyana kaRekabhi wayalela oonyana bakhe ukuba bangaseli iwayini, myalelo lowo bawugcinileyo. Unanamhla ke abayiseli iwayini, kuba bethobela umyalelo wookhokho babo. Kodwa mna ndiphindelele ukuthetha nani, kodwa anandithobela.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 35