Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 35:2-13 Ibhayibhile (XHO96)

2. lisithi: “Yiya kumaRekabhi, uthethe nawo, uwamemele kwigumbi elibucala endlwini kaNdikhoyo, uwanike iwayini asele.”

3. Ndaya kubiza uYazaniya unyana kaJeremiya unyana kaHabhaziniya, nabantakwabo noonyana bakhe bonke. Ndawumema wonke umzi wamaRekabhi.

4. Ndabangenisa endlwini kaNdikhoyo, kwigumbi leento zikaHanam owayezalwa ngumfo wakwaThixo uIgedaliya. Elo gumbi lalimelene negumbi leziphathamandla, lona eli lingasentla kwelikaMaseya unyana kaShalum owayengumgcini-masango.

5. Ndabeka iibhekile neendebe ezinewayini ngaphambi kwabo, ndathi: “Khanibambe, madoda!”

6. Athi loo madoda: “Hayi, asiyiseli iwayini! Kaloku ubawo omkhulu uYonadabhi, unyana kaRekabhi, wathi: ‘Ze ningaze niyisele iwayini, nina nezizukulwana, nditsho nanini na.

7. Ngaphezu koko ze ningaze nakhe izindlu, nihlwayele imbewu, nityale izidiliya. Ze ningabi nazo konke-konke ezi zinto, koko nihlale ezintenteni bonke ubomi benu. Ukuba nithe nenjenjalo niya kuma ithuba elide kulo mhlaba eniphambukele kuwo.’

8. Siwuthobele ke wonke umyalelo kabawo omkhulu uYonadabhi unyana kaRekabhi. Thina, nabafazi bethu, noonyana neentombi zethu, asizanga sayisela iwayini ebomini,

9. singazanga sakha zindlu zakuhlala, salima masimi nazidiliya.

10. Sasoloko sihlala ezintenteni ngokuthobela umyalelo esawunikwa ngubawo-mkhulu uYonadabhi.

11. Kuthe ke xa ukumkani uNabhukadenezare ehlasela eli lizwe, thina sathi: ‘Masiye kungena eJerusalem, sisabe imikhosi yamaKaledi nama-Aram.’ Yiyo loo nto sisahleli apha eJerusalem.”

12. Libuye lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

13. “Utsho uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: Yiya kubantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem uthi: ‘UNdikhoyo uthi: Yini na ukuba ningavumi ukuqeqeshwa niwathobele amazwi am? Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 35