Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 31:18-29 Ibhayibhile (XHO96)

18. Ewe, ndimvile encwina uEfrayim, esithi:‘Undiqeqeshile ndatsho ndanjengethole eliqhelisiweyo.Ndibuyise, khon' ukuze ndibuyele kuwe,kuba nguwe, Ndikhoyo, uThixo wam.

19. Ndakuba ndikreqile, ndibuye ndazohlwaya;ndakuba ndiziqondile, ndizive ndidanile.Ndineentloni, ndihlazekilengenxa yokusindwa ngamahlazo obutsha bam.’

20. Ngaba uEfrayim asingonyana wam oyintandane,umntwana endinebhongo ngaye?Okukhona ndimkhalimelayo kokukhona ndimkhumbulelayo.Ndisikwa yimfesane ngenxa yakhe;inene, ndomthi jize ngenceba.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

21. “Misa izalatha-ndlela, ugxumeke izalathiso.Qwalasela indlela owohamba ngayo.Goduka, ntombindini Sirayeli;buyela kwiidolophu zakowenu.

22. Koda kube nini uthingaza, ntombindini ingathembekanga?UNdikhoyo udale into entsha emhlabeni:umfazi ekhusela indoda.”

23. Utsho uSomandla-onke, *uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Xa sele ndibahlangule ekuthinjweni, ndababuyisela kundalashe, baya kubuya bathethe la mazwi emhlabeni wakwaJuda nakwiidolophu zawo, bathi: ‘Mzindini wobulungisa, ntabandini engcwele, uNdikhoyo makakusikelele.’

24. Baya kuma ndawonye abantu bakwaJuda needolophu zakhona, belapho abalimi nabafuyi ababesoloko bejikeleza nempahla.

25. Ndobahlaziya abatyhafileyo, ndibondle abafa yindlala,

26. batsho bathi: ‘Khangela, besilele, savuka sihlaziyekile.’”

27. UNdikhoyo uthi: “Iyeza imihla yokuba isizwe sikaSirayeli nesikaJuda ndisitsho sinyakazele yinzala yabantu neyemfuyo.

28. Kanye njengoko ndingaphazamanga ukubancothula nokubadiliza nokubabhuqa nokubatshabalalisa nokubahlisela ishwangusha, ewe, ndiya kwenjenjalo ukwakha nokutyala.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

29. “Ngaloo mihla abakubuya bathi abantu: ‘Ooyise bâtya iidiliya ezikrwada, suka kwabuthelezi amazinyo abantwana.’

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 31