Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 28:9-14 Ibhayibhile (XHO96)

9. Umshumayeli ke obevakalisa uxolo ebecaca ukuba ungothunywe nguNdikhoyo ngenene xa izinto azishumayelayo zisenzeka.”

10. UHananiya wayixhiwula loo dyokhwe yayisentanyeni yomshumayeli uJeremiya, wayaphula,

11. wathetha apho ngaphambi kwabantu, wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi yena uza kwenjenje ukuyaphula idyokhwe ukumkani uNebhukadenezare ayithwalise izizwe zonke. Iza kwenzeka kwiminyaka emibini loo nto.” Umshumayeli uJeremiya ke usuke wemka.

12. Emva kokuba umshumayeli uHananiya eyaphule idyokhwe eyayisentanyeni yomshumayeli uJeremiya, lavakala ilizwi likaNdikhoyo kuJeremiya lisithi:

13. “Hamba uye kuthi kuHananiya: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ewe, uyaphule idyokhwe eyenziwe ngomthi, kodwa uza kufakwa eyentsimbi.’

14. Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Zonke ezi zizwe ndiza kuzithwalisa idyokhwe yentsimbi, zaye ziza kuba zizicaka zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Ewe, uza kuthotyelwa nazizilwanyana zasendle uNebhukadenezare.’ ”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 28