Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 23:3-20 Ibhayibhile (XHO96)

3. “Amasalela omhlambi wam ndiya kuwaqokelela emazweni onke endawachitha-chithela kuwo, ndiwabuyisele edlelweni lawo, aqhame ande.

4. Abantu bam ndiza kubanika abelusi abaza kubalondoloza. Abayi kube babe naxhala nalunxunguphalo, kungayi kube sabakho bani ulahlekayo kwakhona.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

5. “Iyeza imihla,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “yokuba uDavide ndimvelisele kumnombo wakhe ihlumelo elililungisa: ukumkani oya kuphatha ngobulumko, enze okulungileyo nobulungisa kulo mhlaba.

6. Ngemihla yakhe baya kuhlala bengabasindileyo abantu bakwaJuda, nakwaSirayeli bahlale bekhuselekile. Igama aya kubizwa ngalo lelithi: ‘UNdikhoyo ububulungisa bethu.’ ”

7. Ngoko ke nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, kuza imihla apho abantu bangayi kubuya bathi xa befunga: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli eJiputa.’

8. Ngaloo mihla baya kuthi: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula inzala yamaSirayeli kwilizwe langasentla nakuwo onke amazwe awabachitha-chitha kuwo, ukuze ahlale kwelakowawo ilizwe.’ ”

9. Nalu udaba malunga *nabashumayeli:Intliziyo yam ikhathazekile;amathambo am anengevane.Ngenxa *kaNdikhoyo namazwi akhe angcwelendifana nomntu onxilileyo oyotywe butywala.

10. Lizele ngabantu abakrexezayo ilizwe,libharhile ilizwe ngenxa yesiqalekiso sikaNdikhoyo,amadlelo asentlango axwebile.Bahamba iindlela ezigwenxa;bangamagorha okwenza okungalunganga.

11. “Kwa-abashumayeli nababingeleli abamhloneli uThixo;nasendlwini yam ndibhaqa amanyundululu.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

12. “Ngoko loo ndlela yabo iza kuba mtyibilizi,balahleke bawe emnyameni.Ndiza kubahlisela ishwangushangethuba lokohlwaywa kwabo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

13. “Kubashumayeli baseSamariya ndibone into emanyumnyezi:ndibone beshumayela ngoBhali,belahlekisa abantu bam amaSirayeli.

14. Kubashumayeli baseJerusalem ndibone eligqithileyo isikizi;bona ngabakrexezi abaphila ngokuxoka.Bakhuthaza abantu ekwenzeni ububi,kungabikho namnye uguqukayo kwinkohlakalo yakhe.Xa bebonke kum bafana nabantu baseSodom;abemi balapho bafana nabaseGomora.”

15. Ke naku akuthethayo uSomandla-onke uNdikhoyongokusingisele kubashumayeli baseJerusalem:“Ndiza kubanika ukutya okukrakrayo,ndibaseze amanzi anetyhefu,kuba abashumayeli baseJerusalem basasaze ukudela uThixo kulo lonke ilizwe.”

16. Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:“Ze ningayiphulaphuli into ethethwa kuni ngaba bashumayeli;banithembisa ilize.Banixelela ngemibono yeentliziyo zabo,benganazisi okuphuma emlonyeni kaNdikhoyo.

17. Kwabalidelayo ilizwi lam basoloko besithi: ‘Makube luxolo kuni.’Kwabo baqaqadekileyo bathi: ‘Anisoze nihlelwe bububi.’ ”

18. Ngubani na kubo olilungu legqugula likaNdikhoyo?Ingubani oluvayo noluqondayo udaba lwakhe?Ngaba ukho owakha waluphulaphula waluthathela ingqalelo?

19. Niyabona, kuphuma kuNdikhoyo ulophu,nditsho isaqhwithi esoyikekayoesivuthuza phezu kweentloko zabangendawo.

20. Lo msindo kaNdikhoyo awuyi kujika ade abe ukufezekisile oko akucebileyo entliziyweni yakhe.Kwimihla ezayo niya kuyiqonda kakuhle le ndawo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 23