Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 17:7-14 Ibhayibhile (XHO96)

7. Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,lowo ukholosa ngaye!

8. Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,ongcambu zinabela emanzini.Awoyiki naxa ilanga lishushu;amagqabi awo ahlala eluhlaza.Ngexesha lembalela awunaxhala;uhlala uvelisa iziqhamo.

9. “Intliziyo yomntu inenkohliso ngaphezu kweento zonke.Akukho nto inokuyinyanga,kungekho bani uyiqondayo.

10. Ndim, mna Ndikhoyo, umgocagoci weentliziyo zabantu,nomvavanyi weengcinga zabo.Ulowo ndimvuza ngokuziphatha kwakhe,ndimdlise iziqhamo zezenzo zakhe.”

11. Lowo uzuza ubutyebi ngobuqhetsebaufana nesakhwatsha esiqandusela amaqanda angengawo awaso.Uya kulahlekwa bobo butyebi eselula ngeminyaka,ekugqibeleni abe sisityhamtyham, esingento.

12. Indawo yethu yokunqula libhotwe eliqaqambileyo,elathi zinzi phezulu kwantlandlolo.

13. Nguwe, Ndikhoyo, ithemba lamaSirayeli.Bonke abo bakushiyayo bohlazeka.Bothi shwaka oku kwamagama abhalwe eluthulwini,xa beshiya wena, Ndikhoyo.Kaloku wena ungumthombo wamanzi obomi.

14. Ndiphilise, *Ndikhoyo, ndiphile qete.Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.Kaloku nguwe udumo lwam.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 17