Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 17:15-23 Ibhayibhile (XHO96)

15. Abantu basoloko besithi:“Liphi na ke ilizwi likaNdikhoyo?Masilibone kaloku lizaliseka.”

16. Kanti ke, Ndikhoyo,andizange ndale ukuba ngumalusi phantsi kwakho,ndingazange abantu ndabanqwenelela umhla weshwangusha.Kaloku, Ndikhoyo, uyayazi into endayithethayo,kuba ndayithetha ebusweni bakho.

17. Musa ukuba sisoyikiso kum.Kaloku nguwe umkhuseli wam ndakuhlelwa yintlekele.

18. Mabadane abo bandisukelayo, mna ndingadani.Mabankwantye luloyiko bona, mna ndingoyiki.Bazisele imini yentlekele,ubohlwaye ngesohlwayo esiphindiweyo.

19. *UNdikhoyo wathi kum: “Hamba uye kuma ngakwiSango laBantu apho ookumkani bakwaJuda baphuma bengena khona esixekweni. Uze udlulele nakuwo onke amanye amasango aseJerusalem.

20. Uze uthi kubo: ‘Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina kumkani bakwaJuda, nani bantu bakwaJuda xa ninonke, nabani na ongummi waseJerusalem ongenayo ngala masango.

21. Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ze ningathwali mthwalo *ngoMhla wokuPhumla, ningangeni ngasango eJerusalem nithwele nto ngoMhla wokuPhumla. Ngokwenjenjalo noba nibeka ubomi benu esichengeni.

22. Ewe, ze ningaphumi nokuphuma ezindlwini zenu nithwele umthwalo, ningasebenzi konke ngoMhla wokuPhumla, koko ze niwugcine ube ngumhla owodwa, njengoko ndanditshilo kooyihlo-mkhulu.

23. Abazange bandive ooyihlo-mkhulu; abazange bafune kundihoya. Basuka baba neenkani, abafuna kufunda nto kum, abafuna nokundiphulaphula.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 17