Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 17:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. Indawo yethu yokunqula libhotwe eliqaqambileyo,elathi zinzi phezulu kwantlandlolo.

13. Nguwe, Ndikhoyo, ithemba lamaSirayeli.Bonke abo bakushiyayo bohlazeka.Bothi shwaka oku kwamagama abhalwe eluthulwini,xa beshiya wena, Ndikhoyo.Kaloku wena ungumthombo wamanzi obomi.

14. Ndiphilise, *Ndikhoyo, ndiphile qete.Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.Kaloku nguwe udumo lwam.

15. Abantu basoloko besithi:“Liphi na ke ilizwi likaNdikhoyo?Masilibone kaloku lizaliseka.”

16. Kanti ke, Ndikhoyo,andizange ndale ukuba ngumalusi phantsi kwakho,ndingazange abantu ndabanqwenelela umhla weshwangusha.Kaloku, Ndikhoyo, uyayazi into endayithethayo,kuba ndayithetha ebusweni bakho.

17. Musa ukuba sisoyikiso kum.Kaloku nguwe umkhuseli wam ndakuhlelwa yintlekele.

18. Mabadane abo bandisukelayo, mna ndingadani.Mabankwantye luloyiko bona, mna ndingoyiki.Bazisele imini yentlekele,ubohlwaye ngesohlwayo esiphindiweyo.

19. *UNdikhoyo wathi kum: “Hamba uye kuma ngakwiSango laBantu apho ookumkani bakwaJuda baphuma bengena khona esixekweni. Uze udlulele nakuwo onke amanye amasango aseJerusalem.

20. Uze uthi kubo: ‘Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina kumkani bakwaJuda, nani bantu bakwaJuda xa ninonke, nabani na ongummi waseJerusalem ongenayo ngala masango.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 17