Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 12:9-17 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ilifa lam lifana nengcuka engqingwe ngamakhozi;bizani onke amarhamncwa, eze esidlweni.

10. Kofika abelusi abaninzi,bawuchithe umdiliya wam,basinyhashe isabelo sam esinqwenelekayo,basenze sibe ngumqwebedu.

11. Isabelo sam senziwe inkangala,satsho sangumqwebedu phambi kwam.Umhlaba uphela ulil' ibhungane;akukho bani uwukhathaleleyo.

12. Abatshabalalisi bavele eluqayini entlango.Ikrele likaNdikhoyo liyawutshabalalisa umhlaba macala onke.Akukho namnye uya kusinda.

13. Baya kuhlwayela ingqolowa, bavune ameva.Baza kufumana babulaleke, kodwa bangazuzi lutho.Ngenxa yobushushu bengqumbo kaNdikhoyo niya kuba nesivuno esidanisayo.”

14. Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Malunga nabo bonke abamelwane abakhohlakeleyo abawuthathileyo umhlaba endawunika abantu bam amaSirayeli waba lilifa, ndithi: Ndiza kubagungxula ezweni labo, ngokungathi ndincothula umthi, ndiyinyothule indlu kaJuda kubo.

15. Kambe ndobe ndibenzele inceba ndakuba ndibanyothule, ndibuyisele umntu ngamnye kwilifa lakhe nakumhlaba wakowabo.

16. Kuya kuthi xa bazifundisisile iindlela zabantu bam, bafunge nangegama lam, bathi: ‘Ekho nje uNdikhoyo’ – nanjengoko bebebafundisa abantu bam ukufunga ngoBhali – nabo ndiya kubazinzisa phakathi kwabantu bam.

17. Xa kukho uhlanga olungevayo ndolunyothula; ewe, ndolunyothula ndiluphanzise.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 12