9. Bonke ke abantu baya kuluqonda,uEfrayim nabemi baseSamariya,abo baqholosa ngendelelo, besithi:
10. “Naxa nje zidilikile izindlu zezitena,thina siya kwakha ngamatye aseleqingqiwe;ngenene yona imithombe igawulwe,kodwa thina sotyala imisedare.”
11. *UNdikhoyo ubayekele ngeentshaba,nditsho iintshaba zeentshaba zabo;ewe, usuke wabaxhokonxela iintshaba.
12. Ngama-Aram ngasempumalanga,ibe ngamaFilistiya ngasentshonalanga;xa zizonke zigragramela uSirayeli.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!
13. Kodwa suka abantu abazisola;hayi, ababuyelanga kumohlwayi,abazigobanga kuNdikhoyo uSomandla-onke.
14. Ngoko ke uNdikhoyo wosuka amohlwaye uSirayeli:uya kumnquml' intloko, amgumpul' umsila;uya kuncothul' isundu, asiphul' ingcongolo.
15. Intloko ke ngabadala nezihandiba;wona umsila ngabashumayeli bobuxoki.
16. Kaloku aba bantu bayalahlekiswa;ewe, bona bayaphuphuthekiswa.
17. UNdikhoyo ke akasabakhathalele nabafana,akayi kuthi thiki nangabahlolokazi neenkedama,kuba bonke zintw' ezingento, bakhohlakele,imilomo yabo iphuphum' ububi.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!
18. Kaloku inkohlakalo yabantu ivutha njengomlilo;ileny' inkunzane ngokunjalo nobobo,idangazel' okomlilo wehlathi,ithunquza okwentshinyela yomsi.
19. Ngenxa yomsindo kaNdikhoyo onamandla onkeeli lizwe liza kuvutha,umlilo udangazeliswe ngabantu,kungabikho nonak' umntakwabo.
20. Bonqwamza ngapha, bangahluthi noko;banqunqude ngapho, banganeli noko;ewe, boda batye noogxa babo.
21. UManase noEfrayim bosuka bahlaselane,kananjalo bosuka badibane ngoJuda.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!