Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 9:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kambe ke akuyi kuhlala kumnyama kwabo bebesezinkxwalekweni. Kwilixa lamandulo elakwaZebhulon nelakwaNafetali lalidelekile, kambe ke kwilixa elizayo lo mmandla uya kuzuza udumo; nditsho ukusuka kulwandle lwasempuma ujikele uwele iJordan, uye kuthi gaa ngeGalili yeentlanga.

2. Abantu ababemfamza ebumnyameningoku bakufumene ukukhanya;kwabo babehamba ebumnyamenikubo uthe qheke umsobomvu.

3. Wena usandisile isizwe sakho,usuke waluthi chatha uvuyo lwaso.Ngoko ke siyachulumacha ngenxa yakho,de ngathi sinemihlali ngexa lokuvuna,sengathi sigcotyiswe kukuxhaphaz' amaxhoba.

4. Kaloku wena uyaphule idyokhwe yaso,ulususile uxanduva nomqobo obusemagxeni.Leyo ke yingcinezelo yomcinezeli.Wena ubuthe kwanga kungomhla wamaMidiyan.

5. Zonke izihlangu zomkhosi ogxashizayo,nazo zonke iimpahla ezidyojwe ligazi,ziya kutshatyalaliswa ngomlilo.

6. Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;kaloku thina silizwe ngonyana.Nguye ke oya kulawula.Ke yena wothiywa igama kuthiwenguMcebisi omangalisayo,uThixo oligorha,uSonini-nanini,iTshawe loxolo.

7. Yena uya kuba yingangalala,into embuso uluxolo olungaphele ndawo.Yena uya kungena ezihlangwini zikaDavide,umbuso wakhe awumilisele ume ngxishi,uxhathise ngomthetho nangobulungisa,ukusukela ngoku kude kube nini-nini.*UNdikhoyo onekhwele,nditsho uSomandla-onke,nguye oya kuyenza loo nto!

8. INkosi ithumele udaba kuSirayeli;ewe, lona luya kuwa phezu koYakobi.

9. Bonke ke abantu baya kuluqonda,uEfrayim nabemi baseSamariya,abo baqholosa ngendelelo, besithi:

10. “Naxa nje zidilikile izindlu zezitena,thina siya kwakha ngamatye aseleqingqiwe;ngenene yona imithombe igawulwe,kodwa thina sotyala imisedare.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 9