Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 7:3-18 Ibhayibhile (XHO96)

3. *UNdikhoyo ke uthethe noIsaya wathi: “Hamba nonyana wakho uMasalela-obuya, uhlangabeze ukumkani uAhazi. Niya kudibana naye endleleni phaya kulaa ndawo basebenzela kuyo abasonti belaphu, ekupheleni kwalaa mjelo utsala amanzi kwelaa qula liphezulu.

4. Yithi kuye: ‘Hlala uthe qwa uzole, ungabhuduzeli ube nevuso. Kaloku lo msindo kakumkani uRezin nama-Aram kunye nalo kakumkani uPeka unyana kaRemaliya ufana nje nokutsitsitheka komlilo weviti.

5. Ama-Aram ekunye namaSirayeli phantsi konyana kaRemaliya baceba iyelenqe ngawe.

6. Bathi: “Masilihlasele ilizwe lakwaJuda, silithathe sahlulelane ngalo, size simisele unyana kaTabhele abe ngukumkani.”

7. Kambe ke iNkosi uNdikhoyo ithi:“ ‘Unotshe; soz' ihle loo nto!Hayi, into enjalo soze yenzeke tu!

8. Kaloku intloko yama-Aram yiDamasko,ibe ke yona intloko yeDamasko nguRezin.Okokwakhe ke uSirayeli,kwisithuba nje samashumi amathandathu anantlanu eminyaka,uya kuvuthuluka kungasali nempunde le –ewe, buya kubhanga ubuzwe bakhe.

9. Kaloku intloko yamaSirayeli yiSamariya,ibe ke yona intloko yeSamariya nguPeka unyana kaRemaliya.Kambe ke ukuba ithemba lakho alimilanga, soze ume.’ ”

10. *UNdikhoyo waqhuba wathi kuAhazi:

11. “Yitsho kuNdikhoyo uThixo wakho akunike umqondiso, noba ngowasenzonzobileni kwelabafileyo okanye emajuku-jukwini phezulu.”

12. Ke kaloku uAhazi uphendule wathi: “Hayi, andiyi kuwucela umqondiso; andithandi kumlinga uNdikhoyo.”

13. UIsaya ke uphendule wathi: “Khawuphulaphule, ndlu kaDavide! Ngathi uyithatha kancinci into yokudinisa abantu! Ngoku sewufunzela ukukruqula noThixo wam lo?

14. Ngoko ke yiNkosi ngokwayo eza kukunika umqondiso! Kaloku intombi ikhulelwe, ibe ke iza kuzala unyana, imthiye igama elinguImanuweli.

15. Ke kaloku loo nkwenkwe iya kuthi xa seyikwazi ukukhetha phakathi kokubi nokuhle kube sekudliwa ngendeb' endala, ingamasi nobusi.

16. Kambe ke lothi lingekafiki nelo thuba, ibe yona imihlaba yaba kumkani bakuphakuzelisayo seyikhal' ibhungane.

17. “Wena nabantu bakho ndawonye nekomkhulu liphela uNdikhoyo uza kunizisela inkxwaleko engathethekiyo engazange yalanywe okokoko waqhekekayo umbuso kaSirayeli kowakwaJuda. Ewe, uza kunithumela ngokumkani wama-Asiriya.

18. “Ngelo xesha ke uNdikhoyo uya kutsho ngomtyangampo wekhwelo, atsho amaJiputa ancothuke kwelikude kwiintlambo zomlambo iNayile, eze ngathi libubu leempukane. Kanti kananjalo nama-Asiriya aya kuphuma kwelakowawo ebhubhuzela exel' iinyosi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 7