Kwezi ntlanga ke bobuya nawo amawenu abe njengomnikelo kum. Bobuya nawo beze nawo entabeni yam eyodwa eJerusalem. Baya kuza behamba ngamahashe neemeyile neenkamela, bekhwele ezinqwelweni nasezikhotshini, oku kwamaSirayeli esizisa umnikelo weenkozo endlwini kaThixo, ewuphethe ngezitya ezifanelekileyo.