Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 65:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo uthi:“Ndaba ngazibonakalisa kwathi nya.Kanti ndilindele abangandifuni nganto.Ndandisithi bokhala kum;kwathi kanti bona abakhw' apho.Ndandikulungele ukuthi: ‘Yizani, ndim lo.’Gxebe kanti sisizwe esingandinquliyo.

2. Imini yonke ndahlala ndikhongozele.Phi ke, ingunkanishe wesizwe nje,esiphikelene neendlela ezigwenxa,silandelana neengcamango zaso;

3. uhlanga olungandihoye nganto,olwasoloko luphikelene nokundicaphukisangokwenza amadini *ezithixo emiyezweni,lusenz' iziqhumiso kumaqonga ezitena;

4. abantu ungafika behlel' emangcwabeni,ebusuku bejikelezana nabangasekhoyo;zizintw' ezity' inyam' ehagu,ezithebeni lizothe lodwa;

5. baze ke bathi:‘Bhekelani, sanukusondela kuthi;musan' ukusichukumisa; singcwele.’Abantu abanjalo ke bayanditsarha;ngumlilo ondiqhumisela imini yonke.”

6. UNdikhoyo uthi:“Uyabona ke, sendigqibe konke,ibe ke andiyi kuthi cwaka;isohlwayo sabo sesijinga phezu kwabo;ngoko ndiya kubabuyekeza

7. ngenxa yezabo nezono zooyise.Kaloku bênza iziqhumiso ezindulini,baza ke mna bandingcikiva.Ngoko ke ndobabuyekeza kangangoko,ndibohlwaye ngezono zabo.”

8. UNdikhoyo uyathetha, uthi:“Idiliya entle ayitshatyalaliswa kunye naleyo yonakeleyo, koko ngayo kwenziwa iwayini.Nam ke ngenxa yazo izicaka zam andiyi kubatshabalalisa bonke.

9. Ndosuka ndimvelisele inzala uYakobi;abakwaJuda baya kuma kwilizwe lam,iintaba zalo zibe lilifa labanyulwa bam –ziya kuma kuzo izicaka zam.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 65