13. Yena wabakhokela bacanda inzonzobila,baqhathula njengehashe entlango,babetha kuhle, abaze bakhubeke.
14. Baba njengeenkomo eziya kwisithabazi samadlelo,wenjenjalo uMoya kaNdikhoyo ukubaphumza.Wabakhokela ngaloo ndlela ke abantu bakho,ndlela leyo ke yakwenzela igama.”
15. Usezulwini apho, *Ndikhoyo, khawuthob' amehlo;khawukrwaqule ukwelo khaya lesidima nobungcwele.Kodwa-kodwa ngani ukuba ungakhweleti?Khona ke aphi amandla akho?Iphi ke imfobe novelwano lwakho?Hayi kaloku, nceda sukusifulathela!
16. Kaloku wena unguTata wethu,nakuba singaziwa nje nguAbraham;ukanti noSirayeli akasihoyi.Kambe ke wena, Ndikhoyo, unguBawo;wena waba nguMkhululi wethu kwamandulo.
17. Usiyekelani kodwa, siphambuke endleleni yakho, Ndikhoyo?Ngani ukuba usiyeke sinkanize kangaka,side siphelelwe ziintloni nakukukoyika?Buyela kuthi, thina zicaka zakho;sincede, thina zizwe zililifa lakho.
18. Indlu yakho eyodwa yaba yeyabantu bakho umzuzwana,suka ke zona iintshaba zayidobonga zayidiliza.
19. Ngoku thina sesifana nâbo bangaziwayo nguwe,abo ungazange wabalawula;ewe, sesifana nabangazange babizwe ngawe.