Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 63:13-19 Ibhayibhile (XHO96)

13. Yena wabakhokela bacanda inzonzobila,baqhathula njengehashe entlango,babetha kuhle, abaze bakhubeke.

14. Baba njengeenkomo eziya kwisithabazi samadlelo,wenjenjalo uMoya kaNdikhoyo ukubaphumza.Wabakhokela ngaloo ndlela ke abantu bakho,ndlela leyo ke yakwenzela igama.”

15. Usezulwini apho, *Ndikhoyo, khawuthob' amehlo;khawukrwaqule ukwelo khaya lesidima nobungcwele.Kodwa-kodwa ngani ukuba ungakhweleti?Khona ke aphi amandla akho?Iphi ke imfobe novelwano lwakho?Hayi kaloku, nceda sukusifulathela!

16. Kaloku wena unguTata wethu,nakuba singaziwa nje nguAbraham;ukanti noSirayeli akasihoyi.Kambe ke wena, Ndikhoyo, unguBawo;wena waba nguMkhululi wethu kwamandulo.

17. Usiyekelani kodwa, siphambuke endleleni yakho, Ndikhoyo?Ngani ukuba usiyeke sinkanize kangaka,side siphelelwe ziintloni nakukukoyika?Buyela kuthi, thina zicaka zakho;sincede, thina zizwe zililifa lakho.

18. Indlu yakho eyodwa yaba yeyabantu bakho umzuzwana,suka ke zona iintshaba zayidobonga zayidiliza.

19. Ngoku thina sesifana nâbo bangaziwayo nguwe,abo ungazange wabalawula;ewe, sesifana nabangazange babizwe ngawe.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 63